








UBENJE 
NGAPHAMBILI: Nangona uBruce ebesebenzisa amayeza kagqirha lo bhubhane wesifo ubuqhubeka nokumtya. Imeko yakhe ibingaginyisi mathe tu njengawo onke amaxhoba
ehlabathini jikelele.

IMVUMI
YASETHEKWINI
ENE-AIDS ICHACHA
KUHLE
Ikamva eliqaqambileyo lemvumi yeAfro-Jazz yaseThekiwini uMadoda Bruce Sosibo, laba mfiliba ngequbuliso nyakenye akufunyanwa ukuba unesifo seAids. Kodwa umthandazeli waseTranskei ozinikele ngokuba uza kumnyanga ulenze lathembisa kwakhona ikamva lakhe. Kubhale uZED DAVEY...

kufote abeFOCUS STUDIOS (eMTATA)
noGAVIN CRUTCHLEY

KUSHICILELO lwethu lukaAprili walo
nyaka besinebali lemvumi yaseThekwini, uMadoda Bruce Sosibo, owayehlala eAids Care Centre ngelo xesha.
Ngenxa yokuthetha phandle kwakhe malunga nokugula kwakhe umthandazeli waseTranskei, uMprofithe Zinceba Mhambi, waqhagamshelana neeofisi zeBona wazicelela ukumnyanga simahla uBruce.

KWIIVEK! EZI-3 EZ1LANDELAYO: UBruce uzuze i- l7kg emva kokunyangwa nguMprofethi uMhambi. Ibala lakhe nalo libhetele kunento ebeliyiyo.
Samnika iinombolo zomnxeba zaseAids Care Centre kwaye waqhagamshelana noBruce.
Xa wayephendula isicelo sikaMprofethi uMhambi, uBruce wathi: Sendinexeshana elincinci kakade lokuphila, ndingaliyeka njani eli thuba?
Emva kweentsuku ezimbalwa uBruce waphuma kwelo khaya wathatha uhambo olude oluya emzini kaMprofethi uMhambi kwilali yakukambi ekwisithuba seekhilomitha ezingama-35 ukusuka eMtata.
UMprofethi uMhambi akazange alibazise akufika uBruce; wamthumela ngoko nangoko kwindawo enyangela oogqirha ababini baseMtata apho wavavanywa waxilongwa iHIV kuqinisekiswa ukuba nyhani unayo. Aba gqirha bacelwa nguMprofefhi uMhambi ukuba bajonge ukuchacha kukaBruce ngethuba emnyanga - kodwa bona bangabi nanxaxheba ekunyangweni



kwakhe! Into yokuqala ayenzileyo uMprofethi uMhambi kukuyekisa uBruce amayeza awanikwe ngoogqirha. Okwesibini kuthiwe makatye ukutya okuzele ziiprothini, okufana nenyama (ingakumbi isibindi), amaqanda, ubisi kunye namasi, umngqusho, umgubo wombona sesidudu - oko kutya kuthengwa ngabakwaBona. Iyeza ebeliselwa nguBruce ngamanzi angagalelwanga nto aphuma etephini.
Into abehluke ngayo la manzi kukuba ebesikelelwe nguMprofethi uMhambi. Ndibanyanga ngomthandazo abantu, utshilo uMprofethi uMhambi.
Uthe akumnyanga iiveki ezintathu uBruce wasimema ukuba sibatyelele emzini wakhe eMtata -apho sifike sabona umahluko ongathethekiyo! (Zibonele ezifotweni)
Ngelo xesha lifutshane elapho uBruce uzuze i-17kg ebenza ubunzima bakhe bufikelele kwi-60kg! Ngaphandle kokubukeka ondlekile ibala lakhe nalo limenze wabukeka esempilweni kwaye namehlo akhe akhangeleka engawomntu osempilweni njengakuqala...
Akakayekwa ukunyangwa. Uya kuyekwa mhla iziphumo zovavanyo lwasesibhedlele zibuya zisithi akanayo iHIV - nto leyo iza kwenzeka kungekudala, utshilo ngokuzithemba uMprofethi uMhambi.
Kule nyanga izayo uBongani Hlatshwayo noThemba Nkosi beBona baza kuqhubeka nengxelo malunga nenkqubela yokuchacha kukaBruce nangokunye okuqhubekayo kweli khaya. UMprofethi uMhambi akaqali ukunyanga umntu oneAids ngoBruce. Senyange nomnye umntu obeneAids waphila ibali likwiphepha le-18 nele-19. 




28 BONA XHOSA - JuIy 1995

I-SABC IZA
KWENZA IINGUQU EZI BONAKALAYO
Kuza kwenziwa iinguqu ezibonakalayo kumabonakude weSABC kwezi nyanga zisibhozo zizayo. Kwitheko ebelenziwe ngabeCCV Television ilenzele iinkulumbuso zamaphondo eli kutshanje eLangeni Hotel eThekwini, ekubekho iinkulumbuso ezimbini kuphela namabambela amathathu kulo - uMnu. Joe Thloloe, uMhleli Omkhulu weTNP, uthe ISABC iyaguquka ekubeni lijelo losasazo likaRhulumente iza kuba lijelo losasazo loluntu. Ingxelo yenziwa
ngu OSBORNE DZINGWA.,.

4 UMnu. Joe Thloloe uthe: Ukususela ngomhla woku- 1 kuFebruwari ka-1996 siza kuzicwangcisa ngokutsha izikhululo zethu zikamabonakude. UChannel 1 uza kuba ngowabantu abadala; uChannel 2 uza kujoliswa ebantwini abaneminyaka engama-35 nangaphantsi ubudala ekungababukeli ababukela uTV1 ngoku. Ezi zikhululo ziza kusasaza ngeelwimi ezili-11 ezahlukeneyo zeli. UChannel 3 uza kusasaza ngesiNgesi ubukhulu becala, kanti INewsline neAgenda ziza kudibana kungentsuku zatywala

UGqr. Nkosazana Zuma uMphathiswa
wezeMpilo - okunye
nowakwakhe, uJacob, ongusihlalo weANC noMphathiswa
wezoKhenketho
kwiphondo laKwaZulu-Natal - umgxeke kanobom
umabonakude weSAB ngokubonisa udushe oluninzi; athe luneempembelelo ezimbi elutsheni. Okunye nabo nguJeff Radebe, uMphathiswa Wemisebenzi KaRhulumente
UGqr. Frank Mdlalose, iNkulumbuso yaKwaZulu-Natal - ofotwe ekunye noJeff Rabede - ubeyenye yeenkulumbuso ezimbini ebezikho kwitheko leCCV Newsline Night of the Premiers

INkulumbuso  yaseMntla-Transvali, uNgoako Ramathlodi, wenze udlwabevu lwentetho echukumisayo kweli theko




Umbane  Uqala phi umbane
Iisqendu 1



Umbane
iSiqendu 1
Njengoko ngoku kuza kufakelwa umbane emizini emininziebingenawo ngaphambili, kubalulekile ukuba wonk'umntu azi indlela oveliswa ngayo umbane, uncedo lwawo, iingozi zawo kunye neenkcukacha zokhuseleko nokuwonga. Siza kukuchazela kangangoko sinako ukuze niwonwabele umbane nosapho lwakho.

INDAWO OVELA KUYO UMBANE
Umbane uveliswa kwipower stations kusetyenziswa amalahle okanye ioli, amanzi (hydroelectric) okanye iuranium (nuclear power).

Injongo kukwenza umphunga onamandla okanye amanzi ehla phezulu. La mandla enza iibhleyidi zeturbine zijikele okwefenize. Njengoko iturbine ineshalt ende ejikelezayo eqhuba ijenereyitha. Amandla aveliswa yiturbine ejikelezayo ajikwa abe ngumbane yijenereyitha.

Kusetyenziswa iuranium namalahle okanye ioli xa kuveliswa umbane womphunga kanti kusetyenziswa amanzi ukwenza umbane wehydroelectric. Izikhululo zombane wamanzi aziyivelisi inkunkuma ebonakalisayo ubume bemeko yendawo.
INDLELA OTHUNYELWA NGAYO
UMBANE
Iintambo ezinkul ziwuthwala umbane ukusuka kwijenereyitha unamandla amakhulu zize ziwuse kwiitransformer eziwunciphisa amandla awo ukuze ube nokusetyenziswa emakhaya, eziofisini nakwimizi-mveliso.

Iintambo ezithwala umbane zineengcingo ezininzi ngaphakathiezigqunywe ngeplastikhi okanye irabha ukuze zingabi nabungozi. Xa uphatha intambo ethwala umbane inokukukhaba ikubulale.

Umzimba womntu unjengezi ngcingo kuba uyawuthwala umbane Xa umbane ufumene ithuba lokuphuma entanjeno uze ungene nakwintoni ethwala umbane njengamanzi, intsimbi, umzimba womntu kodwa awuhambi elukhunini, kumoya owomileyo okanye iphepha elomileyo.

Iintambo zombane ezisuka epower station zifika kwakho zihamba phantsi komhlaba okanye zihamba kwizibonda ezikhulu esidla ngokuzibona. Zifika ekhaya zingena kwibhodi ethumela umbane kumagumbi
sewulapha umbane kufuneka ukhuseleke ebantwini abawusebenzisayo.

Uya kuqaphel;a ukuba loo bhodi inamaqhotsha amhlophe azicima ngokwawo xa esetyenziswa ngokugqithisileyo. Oku kwenza abe shushu yaye kusenokwenza kutshe nokutsha. La maqhotsha abizwa ngokuba ziiHy-Mag Circuit Breakers yaye xa ezicimile awugqithi umbane kuwo. Zisenokuba shushu kwakhona iintambo zombane ngenxa yesixhobo sombane esingalunganga. Wakusiqaphela isixhobo esingalunganga nesiwisa iqhotsha sicime uze uphinde ulinyuse kwakhona. Kwenzeka oko nakumaqhotsha aluhlaza, phofu ke wona akhusela ubomi bomntu.



Njengoko sithe umzimba womntu uthwala umbane la maqhotsha kuthiwa ziiEarth Leakage Protector abonisa apho kukho undonakele yaye ayazicima ngokwawo ukuze asindise ubomi. Ungaghathwa ngabantu bathi ungawafaki la maqhotsha ukuze wonge imali. Ayinakukunceda nganto imali xa ahlukeneyo edla ngokuba sekhitshini. Xa seuwphulekena nobomi bakho.




34 BONA XHOSA_JULY 1995


UPELE UBETYELELE
EMZANTSI -AFRIKA



 IGAMA elithi Pele lelona gama laziwayo kwibhola ekhatywayo kwihlabathi liphela. Abantu abaninzi abahlala ngaphandle kweJohannesburg bamel' ukuba baphoxeke kakhulu kukungadibani neli gorha lebhola ekhatywayo xa belityelele kweli kutshanje.
Njengondwendwe olubalulekileyo kwiNational Soccer League, uEdson Arantes do Nascimento - igama lamanyani likaPele - uhlangene kuphela nolutsha oluphuma ejohannesburg College of Education Super Centre, eOrlando and Bosmond Development Centre kunye nolwaseEsselen Park Soccer School of Excellence.
Mhlawumbi owona mzuzu angenakuwulibala kutyelelo lwakhe olufutshane ngowokuxhawulana kwakhe negorha lakhe lakudala -uMongameli Nelson Mandela,
ePitoli



Ibali libhalwe nguWILLIE BOKALA
imifanekiso ifotwe nguJACOB MORAKE


Ikumkani yebhola ekhatywayo ibityelele eMzantsi-Afrika kutshanje kwaye ibhengeze ukuba iqela lebhola laseBrazil
linokutyelela kweli kunyaka ozayo.

Abadlali abaselula bachulumance gqitha kukubonana noPele, owayengoyena mdlali ubalaseleyo ebholeni

















































3.4O XHOSA - Juh. 1995

